Uyohane 15 XHO96

UYesu ngumdiliya wenene

1 “Mna ndingumdiliya wenene; umlimi wawo nguBawo.

2 Onke amasebe akum angavelisi siqhamo uyawasusa; onke avelisa isiqhamo uyawathena, ukuze avelise isiqhamo ngakumbi.

3 Nina ke senihlambulukile yimfundiso endinifundise yona.

4 Hlalani nimanyene nam, njengokuba nam ndihleli ndimanyene nani. Kaloku isebe alinako ukuvelisa isiqhamo ngokwalo lingahlalanga limanyene nomdiliya. Ngokukwanjalo ke nani aninakuvelisa siqhamo ningahlalanga nimanyene nam.

5 “Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam.

6 Ongahlali emanyene nam uyalahlwa, afane nesebe elilahliweyo laza loma. Amasebe anjalo ayaqokelelwa, aphoswe emlilweni atshe.

7 Xa nihleli nimanyene nam, nisoloko nisenza ngokwamazwi am, nocela nantoni na ke eniyifunayo, niyifumane.

8 Udumo lukaBawo luyatshatshela xa nivelisa iziqhamo ezininzi, nisenjenjalo kuba ningabafundi bam.

9 Mna ndiyanithanda nina kwanjengoko uBawo andithandayo mna. Hlalani ke nikholose ngokuthandwa ndim.

10 Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye.

11 “Ezi zinto ndizithethe kuni ukuze nibe novuyo enilunikwe ndim, luze uvuyo lwenu lugqibelele.

12 Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.

13 Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.

14 Nizizihlobo zam ke nina, ukuba niyayenza imiyalelo yam.

15 Andisatsho kuni ukuthi nizizicaka, kuba isicaka asikwazi okwenziwa yinkosi yaso. Ndinibiza ngokuthi nizizihlobo, kuba ndinixelele konke endikuvileyo kuBawo.

16 Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.

17 Ndiniwisela lo mthetho ke: ‘Thandanani!’ ”

Ihlabathi liya kubathiya abafundi bakaYesu

18 “Ukuba ihlabathi lithe lanithiya, ze nikhumbule okokuba lathiya mna kuqala.

19 Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi ngelinithanda okwabalo. Kodwa aningabo abehlabathi, kuba mna ndaninyula kulo ihlabathi. Kungoko linithiyileyo ihlabathi.

20 Likhumbuleni ilizwi endalithethayo kuni, ndisithi: ‘Akukho sicaka sikhulu kunenkosi yaso.’ Banditshutshisile mna; ke ngoko bonitshutshisa nani. Abayamkelanga imfundiso yam; neyenu ke abayi kuyamkela.

21 Ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yam, kuba abamazi lowo undithumileyo.

22 Ukuba bendingathethanga nabo, ngebengabanga natyala; kodwa ngoku abanandawo bangalandula ngayo malunga nesono sabo,

23 kuba ondithiyileyo mna uthiye kwanoBawo.

24 Ukuba babengandibonanga ndisenza imisebenzi engazange yenziwa mntu, ngebengabanga natyala; kodwa bayibonile imisebenzi yam, kanti noko bandithiyile mna, bamthiyile naye uBawo.

25 Noko, bekumelwe kukuba njalo, ukuze lizaliseke ilizwi elibhaliweyo emthethweni wabo elithi: ‘Bandithiya kungekho sizathu mpela.’

26 “Ndakuba ndifikile kuBawo, ndonithumela uMmeli onguMoya wenyaniso ovela kuBawo. Xa athe wafika yena, wongqina ngam.

27 Nani ke niya kungqina ngam, kuba beninam kwasekuqaleni.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21