Uyohane 4 XHO96

UYesu nomSamariyakazi

1-2 Naxa uYesu ngokwakhe engazange abhaptize namnye, ingabafundi bakhe ababebhaptiza, *abaFarasi beva ukuba uYesu ugqithisile kuYohane ukufumana abafundi ababhaptize.

3 Ngenxa yoko uYesu wemka kwelakwaJuda, wabuyela kwelaseGalili.

4 Kwakufuneka acande kwelamaSamariya.

5 Wafika kwidolophu yaseSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nendawo awathi uYakobi wayinika uJosefu unyana wakhe.

6 Lalilapho iqula likaYakobi, waza wathi uYesu, ediniwe luhambo, wahlala phantsi ngasequleni apho. Kwakusemini emaqanda.

7 Kwafika umSamariyakazi, eze kukha amanzi, uYesu wathi kuye: “Khawundiphe amanzi, ndisele.”

8 Abafundi bakhe babengekho, beye kuthenga ukutya edolophini.

9 Waphendula ke umSamariyakazi wathi kuye: “Ungathini na wena ungumJuda nje, ukuwacela kum amanzi, ndingumSamariya nje mna?” Kaloku amaJuda akanabudlelane namaSamariya.

10 Waphendula uYesu wathi kuye: “Ukuba ubusazi isipho uThixo afuna ukukupha sona, ùmazi ukuba ngubani na lo ucela amanzi kuwe, ngewucele kuye wena, aze yena akuphe amanzi aphilileyo.”

11 Umfazi lowo wathi kuye: “Nkosi, akunanto yakukha, nequla linzulu; ungawafumana phi ke amanzi aphilileyo?

12 Ngaba wena umkhulu na kunokhokho wethu uYakobi, owasinika eli qula, awayesela kulo ngokwakhe kwakunye noonyana bakhe nempahla yakhe?”

13 Waphendula uYesu wathi kuye: “Bonke abasela kula manzi baya kubuya banxanwe.

14 Ke yena othe wawasela amanzi endiya kumpha wona mna, soze anxanwe naphakade. Amanzi endiya kumnika wona, aya kuba ngumthombo ompompoza kuye, emnika obona bomi bungenasiphelo.”

15 Umfazi wathi kuye: “Nkosi, nam ndiphe loo manzi ukuze ndingabi saphinda ndinxanwe, ndingezi nokuza kukha manzi apha.”

16 Wathi kuye: “Hamba uye kubiza indoda yakho, nize apha.”

17 Waphendula umfazi wathi: “Andinandoda.”UYesu wathi kuye: “Ùnyanisile ukuthi akunandoda,

18 kuba ubunamadoda amahlanu, nale unayo ngoku asiyoyakho.”

19 Umfazi lowo ke wathi kuye: “Nkosi, ndiyabona okokuba wena *ungumshumayeli.

20 Ookhokho bethu, thina maSamariya, babenqula uThixo kule ntaba. Ke nina maJuda nithi iseJerusalem indawo apho abantu bamelwe kukumnqula khona uThixo.”

21 UYesu wathi kuye: “Ndiyakuxelela, liyeza ixesha ekothi ngalo ningabi samnqula uBawo kule ntaba okanye eJerusalem.

22 Nina maSamariya ninqula eningakwaziyo. Thina maJuda sinqula esikwaziyo, kuba kakade kukwaJuda apho usindiso luphuma khona.

23 Kodwa kuza ixesha, kwaye selikho, abaya kuthi ngalo abanquli benene bamnqule ngoMoya benyanisile uBawo, kuba uBawo ufuna abantu abamkhonza ngolo hlobo.

24 UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo kufuneka bamnqule ngoMoya benyanisekile.”

25 Loo mfazi wathi kuye: “Ndiyazi ukuba *uMesiya, ekuthiwa *nguKrestu, uyeza. Wothi ke akufika asixelele konke.”

26 UYesu wathi kuye: “Nguye kanye lo uthetha nawe.”

27 Kwathi ngelo xesha bafika abafundi bakaYesu, bamangaliswa kukuba ethetha nomntu obhinqileyo. Noko akubangakho namnye owathi: “Ufuna ntoni na kuye?” okanye owathi: “Kutheni na ukuba uthethe naye?”

28 Umfazi lowo ke wayishiya ingqayi yakhe, waya edolophini, wathi ebantwini:

29 “Yizani nibone; nanku umntu ondixelele zonke izinto endakha ndazenza. Akangebi *nguKrestu na?”

30 Baphuma ke edolophini, baya kuYesu.

31 Ngeli thuba abafundi bakaYesu babembongoza besithi: “Mfundisi, nantsi into etyiwayo!”

32 Kodwa yena wathi kubo: “Mna ndinokutya eningakwaziyo nina.”

33 Baza abafundi babuzana besithi: “Ngaba kukho mntu umzisele ukutya na?”

34 UYesu wathi kubo: “Ukwenza ukuthanda kwalowo undithumileyo kukutya kwam, ndide ndiwufeze umsebenzi wakhe.

35 “Anitsho na ukuthi: ‘Kusele iinyanga ezine, kuvunwe’? Niyabona, ndithi kuni, inene, wakhangeleni kakuhle amasimi; nophawula ukuba akulungele ukuvunwa.

36 Umvuni seleza kwamkela umvuzo wakhe, evuna isivuno esingabantu abamkela ubomi obungonaphakade. Ngako oko ohlwayelayo uvuya kunye nalowo uvunayo.

37 Kungoko liyinyaniso iqhalo elithi: ‘Kuhlwayela lo, kuvune lowa.’

38 Ndinithume ukuvuna oko ningabulalekanga kuko. Kwabulaleka abanye, naza nina natya kwimveliso yabo.”

39 Into eninzi yamaSamariya aloo dolophu yakholwa kuYesu, yakuva intetho yaloo mfazi ethi: “Undixelele zonke izinto endakha ndazenza.”

40 Athe ke amaSamariya akufika kuYesu, ambongoza ukuba ahlale nawo; waza wahlala khona apho iintsuku zambini.

41 Baba baninzi ngakumbi abo bâkholwáyo ngenxa yamazwi kaYesu,

42 baza bathi kumfazi lowo: “Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho. Thina sikholwa kuba sizivele ngokwethu, saqonda ukuba ngenene lo nguye uMsindisi wehlabathi.”

43 Emva kweentsuku ezimbini uYesu wemka apho, waya eGalili.

UYesu uphilisa unyana wegosa lakomkhulu

44 UYesu ngokwakhe wayetshilo ukuthi *umshumayeli akenzelwa mbeko kowabo,

45 kodwa akufika eGalili abantu balapho bamamkela. Babezibonile zonke izinto awazenzáyo kwitheko *lePasika eJerusalem, kuba nabo babeyile kweso sidlo.

46 Waphinda uYesu wahambela eKana kwelaseGalili, apho wawaguqulayo amanzi aba yiwayini. Kwakukho igosa elithile lakomkhulu apho elaligulelwa ngunyana walo eKapernahum.

47 Lakuva ukuba uYesu ufikile eGalili, evela kwelakwaJuda, laya kuye, lambongoza okokuba ehle aye eKapernahum, aphilise unyana walo owayegulela ukufa.

48 UYesu wathi kulo: “Nina aningekhe nikholwe ukuba anithanga nabona imiqondiso nemimangaliso!”

49 Igosa lakomkhulu ke lathi kuye: “Nkosi, nceda uze engekabhubhi umntwana wam.”

50 UYesu wathi kulo: “Goduka; unyana wakho uphilile.”Indoda leyo yakholwa ngamazwi kaYesu, yahamba.

51 Kwathi isesendleleni yahlangatyezwa zizicaka zayo, zathi: “Unyana wakho uphilile!”

52 Yabuza ke ukuba uqale nini na ukuchacha, zaza zathi: “Uchache izolo ngentsimbi yokuqala emva kwemini kuloo mkhuhlane.”

53 Wakhumbula ke uyise ukuba kwakungêlo xesha kanye uYesu awatsho ngalo kuye ukuthi: “Unyana wakho uphilile.” Lakholwa ke igosa lakomkhulu, yakholwa nendlu yalo yonke.

54 Lo mqondiso wawenzayo uYesu wawungowesibini emva kokufika kwakhe eGalili evela kwelakwaJuda.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21