Uyohane 7 XHO96

Ukungakholwa kwabantakwabo-Yesu

1 Emva koko uYesu wehla enyuka neGalili. Wayengathandi ukuya kwelakwaJuda, kuba amaJuda ayefuna ukumbulala.

2 Lalisondele itheko lamaJuda ekuthiwa litheko lamaphempe,

3 baza bathi kuye abantakwabo: “Khawumke apha, uye kwelakwaJuda, ukuze nabo abafundi bakho abalapho bazibone izinto ozenzayo.

4 Kaloku umntu ofuna okokuba into ayenzayo yaziwe, akayenzi ngasese. Ukuba uyazenza ezi zinto, zenze zibonwe lihlabathi lonke.”

5 Babesitsho abantakwabo-Yesu kuba nkqu bona babengakholwa kuye.

6 Wathi kubo uYesu: “Nina ningaya nanini na, kodwa elam ithuba lokuya alikafiki.

7 Abantu beli hlabathi bandithiyile mna, kuba ndisoloko ndiyihlaba imikhwa yabo emibi, kodwa nina bayanithanda.

8 Ningaya nina ethekweni apho, kodwa mna andiyi, kuba ayikabi lothuba lifanelekileyo eli kum.”

9 Akuba etshilo wasala eGalili.

UYesu kwitheko lamaphempe

10 Bakuba bemkile abantakwabo-Yesu ukuya ethekweni apho, naye waya khona, phofu wahamba ngokuzimela.

11 AmaJuda ayemfuna apho ethekweni, emana ebuzisa ngaye.

12 Kwakugqugulwa ngaye, kukho abathi: “Yindoda leya;” kukho nabathi: “Hayi bo, uyabalahlekisa abantu.”

13 Noko akuzange kubekho bani uthetha ngaye ekuhleni, kuba babesoyika amaJuda.

14 Kwathi itheko selishushu, uYesu waya *endlwini kaThixo, wafundisa.

15 Amangaliswa amaJuda, athi: “Ngaba lo mntu uluthathe phi lonke olu lwazi, engafundanga nje?”

16 Waza uYesu wawaphendula wathi: “Le mfundiso ndiyifundisayo asiyoyam, koko ivela kulowo undithumileyo.

17 Lowo uyenzayo intando kaThixo, uya kuqonda ukuba andithethi okukokwam, koko ndifundisa okuphuma kuThixo.

18 Othetha okukokwakhe uzifunela olwakhe udumo; ke yena ofuna udumo lwalowo umthumileyo unyanisekile, akukho nkohliso kuye.

19 Akaniwiselanga umthetho na uMosis? Kanti akukho namnye kuni uwuthobeleyo. Kungani na ukuba nifune ukundibulala?”

20 Abantu baphendula bathi: “Uphambene! Ngubani ofuna ukukubulala?”

21 Waphendula uYesu, wathi kubo: “Ndenze into yanye *ngoMhla woPhumlo, naza namangaliswa nonke.

22 Khaniphawule le ndawo ngolwaluko lwesiJuda: Ulwaluko lwaqalwa ngamanyange, waza noMosis wawisa umthetho wokuba lubekho. Ngoko niyalùsa nangoMhla wokuPhumla.

23 Ukuba ke umntwana oyinkwenkwe niyamalùsa ngoMhla woPhumlo, ngenxa yokuba nifuna ukugcina umthetho kaMosis, kutheni ke ukuba nikhathazeke kuba ndithe ndaphilisa umntu?

24 Sanukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngobulungisa.”

Ngaba nguKrestu lo?

25 Abanye abantu baseJerusalem babesithi: “Ngaba asinguye na lo bafuna ukumbulala?

26 Kanti nanko ethetha ekuhleni, kungekho bani ubhekisa nento le kuye! Ngaba iinkokheli ziqondile okokuba ngokwenyani lo *nguKrestu?

27 Angathini na lo ukuba nguKrestu simazi nje apho avela khona? UKrestu akufika akuyi kubakho bani waziyo apho avela khona.”

28 Watsho ngelivakalayo uYesu, efundisa *endlwini kaThixo, wathi: “Niba niyandazi, nisazi nalapho ndivela khona! Mna andizizelanga ngokwam. Ndithunywe ngulowo uyinyaniso. Ke nina animazi,

29 kodwa mna ndiyamazi, kuba ndivela kuye, ndithunywe nguye.”

30 Babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umchukumisayo, kuba lalingekafiki ixesha.

31 Kodwa abantu abaninzi bâkholwa kuye, besithi: “Xa athe wafika uKrestu, ngaba ebenokwenza imiqondiso engaphezulu na kunale yenziwe ngulo?”

Ilinge lokubamba uYesu

32 *AbaFarasi babeva abantu bethetha ngasese ngoYesu, baza bona nababingeleli abaziintloko bathuma abagadi bendlu kaThixo ukuba bambambe.

33 Waza uYesu wathi: “Ndisaza kuba nani ithutyana, ndize ndimke, ndiye kulowo undithumileyo.

34 Niya kundifuna ke, ningandifumani, kuba nina aninako ukuya apho ndiya khona.”

35 Aza amaJuda abuzana esithi: “Ngaba bethu uza kuya phi, ze ke singabi nako ukumfumana? Ngaba uzimisele ukuya kumaJuda athe saa kwelamaGrike, aze afundise amaGrike?

36 Ngaba uthetha ukuthini xa athi: ‘Niya kundifuna ningandifumani, kuba nina aninako ukuya apho ndiya khona’?”

Isithembiso ngoMoya oyiNgcwele

37 Ngosuku lokugqibela, olo ke lulolona lubalulekileyo lwetheko, wema uYesu, wathetha ngelivakalayo esithi: “Onxaniweyo makeze kum asele.

38 *IziBhalo zithi kuya kugqabhuka imisinga yamanzi aphilisayo embilinini walowo ukholwayo kum.”

39 UYesu wayithetha le nto esingisele kuMoya ababeya kumamkela abo babekholwa kuye. Kaloku uMoya wayengekafiki, kuba ubungangamsha bukaYesu babungekabonakali.

Impikiswano ngoYesu

40 Bakumva uYesu esitsho, abantu abathile esihlweleni bathi: “Ngenene lo mntu nguye lowa *Mshumayeli.”

41 Abanye bathi: “Lo mntu *nguKrestu.”Kodwa bambi bathi: “Angathini uKrestu ukuvela eGalili?

42 *IziBhalo zithi uKrestu woba ngowendlu kaDavide, azalelwe eBhetelehem, idolophu awayehlala kuyo uDavide.”

43 Kwabakho impikiswano ke esihlweleni ngenxa yakhe.

44 Abanye babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umchukumisayo.

Ukungakholwa kweenkokheli zamaJuda

45 Abagadi *bendlu kaThixo babuyela kubabingeleli abaziintloko *nabaFarasi, baza bona bathi kubo: “Kutheni ningezanga naye nje?”

46 Baphendula abagadi abo bathi: “Akukho namnye umntu owakha wathetha njengalo.”

47 Baza bathi abaFarasi: “Ngaba unilahlekisile na nani?

48 Kwiinkokheli zethu nakubaFarasi ngaba kukho mntu wakha wakholwa kuye?

49 Baqalekisiwe abantu abangawaziyo *umthetho kaMosis.”

50 KubaFarasi abo kwakukho noNikodimo lowo wayekhe wadlana iindlebe noYesu, waza ke yena wathi kubo:

51 “Umthetho wethu awuvumi okokuba umntu agwetywe lingathanga laxoxwa ityala lakhe, kwacaca oko akwenzileyo.”

52 Baza bathi kuye: “Ngaba nawe lo ungowaseGalili na? Khawuphengulule *iziBhalo ubone, kuba akukho *mshumayeli uvela eGalili.”[

53 Baza bagoduka ke bonke.]

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21