6 eniphakathi kwazo nani, nina babiziweyo bakaYesu Krestu.
7 Kuni nonke, bathandwa bakaThixo abaseRoma, nina nibiziweyo naba ngabakaThixo, ndithi: Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.
8 Kuqala ke, ndiyambulela uThixo wam ngoYesu Krestu ngenxa yenu nonke, kuba ukholo lwenu ludumile kulo lonke ihlabathi.
9 Kaloku uThixo endimkhonzayo ngomxhelo wam ngokushumayela iindaba ezimnandi zoNyana wakhe, uyandingqinela ukuba ndihlala ndinikhumbula.
10 Ndiyakhunga emithandazweni yam, ukuba uThixo angáde ngokwentando yakhe andiphumelelise ukunihambela.
11 Kaloku ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele siphiwo sithile kwezoMoya, ukuze nomelezeke.
12 Ndithetha ukuthi nina kunye nam sivuseleleke: nina ngokholo lwam, nam ke ngokholo lwenu.