8 Kuqala ke, ndiyambulela uThixo wam ngoYesu Krestu ngenxa yenu nonke, kuba ukholo lwenu ludumile kulo lonke ihlabathi.
9 Kaloku uThixo endimkhonzayo ngomxhelo wam ngokushumayela iindaba ezimnandi zoNyana wakhe, uyandingqinela ukuba ndihlala ndinikhumbula.
10 Ndiyakhunga emithandazweni yam, ukuba uThixo angáde ngokwentando yakhe andiphumelelise ukunihambela.
11 Kaloku ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele siphiwo sithile kwezoMoya, ukuze nomelezeke.
12 Ndithetha ukuthi nina kunye nam sivuseleleke: nina ngokholo lwam, nam ke ngokholo lwenu.
13 Ngoko ke, mawethu, ndifuna ukuba niyiqonde into yokuba kudala ndazimisela ukunihambela, kodwa ndaba soloko ndithintelwa kwada kwanamhla. Bendifuna ziqhamo zithile zeendaba ezimnandi naphakathi kwenu, kwanjengaphakathi kwezinye iintlanga.
14 Kaloku ndimelwe kukushumayela kubo bonke: kwabaphucukileyo nakwabangaphucukanga, kwizilumko nakwabangaziyo.