18 Ngaba awevanga na kodwa amaSirayeli? Ewe, avile. Kaloku iziBhalo zithi:“Ukuhlokoma kwelizwi labo kuvakala kuwo wonke umhlaba;namazwi abo afikelela eziphelweni zehlabathi.”
19 Ngaba kodwa wona amaSirayeli ayengaqondi? Ukuphendula mandiqale ngoMosis othi:“Mna ndiya kunenza nikhweletele uhlanga olungento;ndiya kunixhokonxa ngohlanga olungenangqondo.”
20 Ade atsho nokutsho uIsaya ukuthi:“Ndifunyenwe ngâbo babengandifuni,ndabonakala kwâbo babengabuzisi ngam.”
21 Kanti ngokubhekiselele kumaSirayeli uthi:“Imini yonke bendicengana nabantu abangevayo, abandiphikisayo.”