28 Ngokuzichasa iindaba ezimnandi amaSirayeli aziintshaba zikaThixo, nto leyo inincedayo ke nina zintlanga. Kodwa ke ngokonyulo lukaThixo aziintanda zakhe ngenxa *yamanyange.
29 Kaloku uThixo akalujiki ubizo lwakhe, engazisoli nangezibabalo zakhe.
30 Nina ke zintlanga benifudula ningamthobeli uThixo, kodwa ngoku nenzelwe inceba ngenxa yokungamthobeli kwamaSirayeli.
31 Kwangokunjalo namaSirayeli akamthobeli ngoku uThixo, ngenxa yenceba eniyenzelweyo nina, ukuze kamva enzelwe inceba nawo.
32 Kaloku uThixo wabaquka bonke abantu ekungamthobelini, ukuze abenzele inceba xa bebonke.
33 Hayi ke bethu ubukhulu bobuhandiba bukaThixo, nobunzulu bobulumko nokwazi kwakhe! Asikuko nokuba aziphengululeki izigqibo zakhe, azilandeki iindlela zakhe!
34 Kanene:“Ngubani na owakha wayazi ingqiqo yeNkosi,ingubani na owakha waba ngumcebisi wayo?