3 “Nkosi, amaSirayeli ababulele *abashumayeli bakho, namaqonga akho amadini awadilizile. Ndim ndodwa oseleyo, kwaye nam afuna ukundibulala.”
4 Limphendula njani ke ilizwi likaThixo? Lithi: “Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe angamnqulanga *uBhali.”
5 Kanti nangoku ke kukwanjalo. Lisekho iqaqobana elichongwe nguThixo ngokwesisa sakhe.
6 Lona lachongwa nguThixo ngokwesisa sakhe, elibabala, engalinyuli ngenxa yezenzo zalo. Kaloku ukuba uThixo wayenyula abantu ngokwezenzo zabo, isisa sakhe asingebi saba sisisa.
7 Kúthiweni ke ngoko? Makuthiwe amaSirayeli akayifumananga into awayeyizondelele. Kodwa iqaqobana elichongwe nguThixo layifumana, aza ke wona amanye aqaqadekiswa,
8 njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “UThixo ubenze badengeka, baza àbabona ngamehlo, àbeva ngeendlebe; ibe ke unangoku basenjalo.”
9 UDavide naye uthi:“Mababanjwe, bavingcelwe kumatheko abo;mabakhubeke, beve impindezelo.