13 Ziboneleleni iintswelo zamakholwa, nizikhathaze ngokubuka iindwendwe.
14 Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.
15 Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.
16 Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.
17 Musani ukubuyekeza ububi ngobubi. Zimiseleni ukwenza okulungileyo phambi kwabantu bonke.
18 Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.
19 Zihlobo, musani ukuziphindezela ngokwenu. Impindezelo yiyekeleni ingqumbo kaThixo, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.”