20 Ndihlala ndizimisele ukushumayela iindaba ezimnandi apho kungekaviwa nto khona ngoKrestu, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye,
21 kodwa kube njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Abo bangaxelelwanga nto ngaye, baya kubona;nabo bengevanga nto, baya kuqonda.”
22 Ngenxa yoko bendisoloko ndixakekile, andabi nako ukunihambela.
23 Ngoku ke, ekubeni ndingasenandawo emandiyihambele kule mimandla, nasekubeni ndineminyaka emininzi ndilangazelela ukunihambela,
24 ndothi ke xa ndihambela eSpeyini, ndinityelele nani, kuba ndinethemba lokunibona xa ndigqitha apho. Emva kokuba ke sendikhe ndaba lundwendwe phakathi kwenu okwexeshana, ndinethemba lokuba nondixhasa ukuya eSpeyini.
25 Kodwa okwangoku ndisaya eJerusalem, ukuya kulungiselela abantu bakaThixo.
26 Kaloku kwakholeka kwabaseMakedoni nabaseAkaya ukuba babancede abantu bakaThixo baseJerusalem abasweleyo.