12 Imibuliso kuTrifena noTrifosa abayisebenzele kangaka iNkosi. Ndibuliseleni kuPersi othandekayo, obulaleke gqitha emsebenzini weNkosi.
13 Imibuliso kuRufo umnyulwa weNkosi, nakunina, onjengomama kum.
14 Imibuliso kuAsinkrito, uFilego, uHerma, uPatrobha, uHerme, namawethu akunye nabo.
15 Imibuliso kuFilologo noJuliya, uNere nodade wabo, no-Olimpa, nabo bonke abantu bakaThixo abakunye nabo.
16 Bulisanani ngokwamakholwa. Ayanibulisa onke amabandla kaKrestu.
17 Ke kaloku, mawethu, ndiyaniyala: balumkeleni abaxabanisayo nabakhubekisayo, besenza okuchaseneyo nemfundiso enayifundiswayo nina. Zikhwebuleni kubo.
18 Abantu abanjalo àbakhonzi yona iNkosi yethu uYesu Krestu. Hayi, basebenzela izisu zabo. Ngamazwi abo amnandi bayakhohlisa, balukuhle iintliziyo zabantu abanyulu.