1 Nakuwe ke mntundini ugwebayo, nokuba ungubani, amatyholo aphelile. Ewe, ngokugweba omnye, uzigweba ngokwakho. Kaloku wena ugwebayo, wenza kwaezo zinto ugweba omnye ngazo.
2 Siyazi ke ukuba uThixo ubagweba ngokufanelekileyo abo benza izinto ezingalunganga.
3 Wena kanye, mntundini ubagwebayo abo bazenzayo izinto ezinjalo, wenza kwaezo zinto. Uba ke wena uThixo akayi kukugweba na?
4 Okanye ubudelile ububele bakhe obukhulu, nokunyamezela kwakhe, nokuza kade komsindo wakhe? Akwazi na ukuba bububele bukaThixo obukusa enguqukweni?
5 Ngenxa yokuba unentliziyo elukhuni, ungaguquki, uzibizela ingqumbo ngemini yengqumbo. Ngaloo mini iya kucaca indlela agweba ngayo uThixo.