1 Ungcono ngani na ke umJuda? Lunceda ntoni ke lona ulwaluko lwakhe?
2 Lulunge kakhulu, ngeendlela zonke. Okokuqala uThixo ugcinise udaba lwakhe kuwo amaJuda.
3 Kuya kuthini ke ukuba athile kuwo akakholwanga? Ngaba uThixo uya kuthi ngokungathembeki kwawo angathembeki naye?
4 Nakanye! UThixo yena uhlala enyanisekile, nangona bangade bonke abantu babe ngamaxoki, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Umelwe kukubonakala ngamazwi akho ukuba uthembekile,woyise ekuthethweni kwetyala lakho.”
5 Xa ukungalungisi kwethu kucacisa ukulungisa kukaThixo, siya kuthini ke? Ngaba sinokuthi akalungisi uThixo xa abonakalisa umsindo wakhe, ngabula thina bantu?
6 Nakanye! Ukuba ebengelolungisa uThixo, ebengaligweba njani ihlabathi?