1 Sithini na ke ngobawo uAbraham esiyinzala yakhe?
2 Ukuba ebenziwe ilungisa ngenxa yokufezekisa kwakhe umthetho, ebengaqhayisayo; kodwa ngoku akanandlela yakuqhayisa phambi koThixo.
3 Zithini kanene *iziBhalo? Zithi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yoko wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.”
4 Kaloku umntu osebenzayo wamkela umvuzo oyimfanelo yakhe, ungesiso isipho.
5 Ke umntu ongathembelanga misebenzini yakhe, koko okholwa kuThixo ogwebela umoni, uba lilungisa phambi koThixo.