3 Zithini kanene *iziBhalo? Zithi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yoko wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.”
4 Kaloku umntu osebenzayo wamkela umvuzo oyimfanelo yakhe, ungesiso isipho.
5 Ke umntu ongathembelanga misebenzini yakhe, koko okholwa kuThixo ogwebela umoni, uba lilungisa phambi koThixo.
6 Unoyolo ke umntu othe waba lilungisa phambi koThixo, engakusebenzelanga oko. Lolu yolo ke uDavide aluncomayo xa athi:
7 “Hayi uyolo lwabaluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,abazono zabo zingcwatyiweyo.
8 Unoyolo lowo ithe iNkosi ayazibalela kuye izono zakhe.”
9 Ngaba olu yolo lolwamaJuda kuphela? Hayi, lukwalolwazo neentlanga, kuba iziBhalo zithi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yoko wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.”