8 Unoyolo lowo ithe iNkosi ayazibalela kuye izono zakhe.”
9 Ngaba olu yolo lolwamaJuda kuphela? Hayi, lukwalolwazo neentlanga, kuba iziBhalo zithi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yoko wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.”
10 Waba lilungisa nini? Kwakungaphambi kokwaluka kwakhe okanye emva kwako? Kwakungaphambi kokwaluka kwakhe.
11 Kaloku wathi engekaluki uAbraham, ekholwa kodwa, wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo; waza waluka emva koko. Olu lwaluko ke lwaba luphawu olusisiqinisekiso sobulungisa bakhe. Ngale ndlela ke uAbraham nguyise wabo bonke abathe bakholwa kuThixo, baza benziwa amalungisa nguye nangona bangalukanga.
12 Ukwanguyise wabalukileyo abanganelanga kwaluka nje, kodwa abathe ngokukholwa kuThixo bahamba ekhondweni lika-Abraham, owakholwa engekaluki.
13 UThixo wathembisa uAbraham nenzala yakhe ukuba ihlabathi baya kulima. Esi sithembiso asenziwanga ngakuba ethe wathobela umthetho kaMosis, kodwa wathenjiswa ngenxa yokuba wakholwa, waza wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.
14 Kaloku ukuba ilifa lifunyanwa kuphela ngâbo bawuthobelayo umthetho, ukukholwa koba kwenziwe into engento, nesithembiso eso singaba sitshitshisiwe.