1 Njengoko sikholwa, sígwetyelwe nguThixo, sinoxolo naye ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu.
2 Kaloku sibe nako ukungena ngoKrestu ngokukholwa kolu babalo sikulo. Siyaqhayisa ke sithembe ukuba nenxaxheba ebuqaqawulini bukaThixo.
3 Ngaphezu koko, siqhayisa nangeembandezelo ezi, sisazi nje ukuba iimbandezelo zisiqhelisa ukunyamezela.
4 Ke ukunyamezela kubonisa ukuba sicikidekile. Ukucikideka ke kudala ithemba.
5 Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo.