1 Síthini na ke ngoko? Síhlale sihleli esonweni ukuze ubabalo lwande?
2 Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona?
3 Anazi na ukuba thina sonke sibhaptiziweyo samanywa noKrestu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?
4 Ngokunjalo ngokubhaptizwa sangcwatywa kunye noKrestu. Njengokuba ke uKrestu wavuswayo kwabafileyo ngamandla obungangamsha bukaYise, nathi ngokunjalo masiphile ubomi obutsha.
5 Kaloku xa simanywe naye ekufeni kwakhe, simanywe naye nasekuvukeni kwakhe ekufeni.
6 Siyazi ke ukuba isimo sethu esidala sabethelelwa emnqamlezweni noKrestu, khon' ukuze igunya lesono liphuthiswe nasemizimbeni yethu, size singabi salawulwa sisono.
7 Kaloku umntu ofileyo ukhululekile esonweni.