12 Ngoko ke isono masingayilawuli imizimba yenu efayo. Sanukuzivumela iinkanuko zemizimba yenu.
13 Kananjalo imizimba yenu musani ukuyinikela esonweni, nize none ngamalungu ayo; koko zinikeleni nina ziqu kuThixo, ningabaphila bevuke ekufeni nje. Ngenxa yoko ke wanikeleni kuThixo amalungu emizimba yenu, ukuze nenze okulungileyo ngawo.
14 Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.
15 Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!
16 Kakade niyazi ukuba lowo nizinikela kuye ukuba anilawule, ngokwenyani niyamkhonza, nimthobele. Abalawulwa sisono ke baba sisisulu sokufa, kodwa abamthobeleyo uThixo ubenza amalungisa.
17 Ke kaloku, makubulelwe kuThixo, kuba nanifudula nilawulwa sisono, kodwa ngoku niyithobela ngokupheleleyo imfundiso eniyifundisiweyo.
18 Nakhululwa ke kuso isono, naba phantsi kobulungisa.