5 Kaloku xa simanywe naye ekufeni kwakhe, simanywe naye nasekuvukeni kwakhe ekufeni.
6 Siyazi ke ukuba isimo sethu esidala sabethelelwa emnqamlezweni noKrestu, khon' ukuze igunya lesono liphuthiswe nasemizimbeni yethu, size singabi salawulwa sisono.
7 Kaloku umntu ofileyo ukhululekile esonweni.
8 Ukuba ke safa kunye noKrestu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye.
9 Siyazi ke ukuba uKrestu evusiwe nje kwabafileyo, akayi kuba safa – ukufa akusayi kuba nagunya kuye.
10 Kuba wafa kwakanye, efela isono; kodwa ngoku udla ubomi, ephilela uThixo.
11 Ngokunjalo nani zibaleleni ekubeni ningabafileyo okunene kuso isono, niphilela uThixo ngobomi enibudlayo, nimanywe noKrestu Yesu, iNkosi yethu.