6 Siyazi ke ukuba isimo sethu esidala sabethelelwa emnqamlezweni noKrestu, khon' ukuze igunya lesono liphuthiswe nasemizimbeni yethu, size singabi salawulwa sisono.
7 Kaloku umntu ofileyo ukhululekile esonweni.
8 Ukuba ke safa kunye noKrestu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye.
9 Siyazi ke ukuba uKrestu evusiwe nje kwabafileyo, akayi kuba safa – ukufa akusayi kuba nagunya kuye.
10 Kuba wafa kwakanye, efela isono; kodwa ngoku udla ubomi, ephilela uThixo.
11 Ngokunjalo nani zibaleleni ekubeni ningabafileyo okunene kuso isono, niphilela uThixo ngobomi enibudlayo, nimanywe noKrestu Yesu, iNkosi yethu.
12 Ngoko ke isono masingayilawuli imizimba yenu efayo. Sanukuzivumela iinkanuko zemizimba yenu.