14 Siyazi ke ukuba umthetho ngowoMoya kaThixo, kodwa mna ndiyinyama negazi; ndiphantsi kwegunya lesono.
15 Into endiyenzayo yinkohla kum, kuba kaloku into endithanda ukuyenza andiyenzi, ukanti ndiyayenza endiyithiyileyo.
16 Xa ke ndisenza into endiyithiyileyo, kucacile ukuba ndiyavuma ukuthi umthetho ulungile.
17 Ngoko ke ayisendim owenza loo nto ndingayithandiyo, koko sisono esihleli kum esenza loo nto.
18 Ndiyazi ukuba akuhlali nto ilungileyo kum – nditsho kwisimo sam esonakeleyo – kuba kaloku umnqweno wokwenza into elungileyo ukho kum, kodwa ukwenza andinako.
19 Into elungileyo endithanda ukuyenza, andiyenzi; kodwa into embi endingathandi kuyenza, ndiyayenza.
20 Ukuba ke ndenza loo nto ndingayithandiyo, ayisendim oyenzayo, koko sisono esi sihleli kum esiyenzayo loo nto.