3 Ngoko ke, ukuba umfazi uthe waba ngowenye indoda isaphila indoda yakhe, kothiwa ungumkrexezi. Kodwa ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile emthethweni, aze angabi ngumkrexezi ukuba uthe waba ngowenye indoda.
4 Kukwanjalo ke nakuni, mawethu. Ngokumanywa nomzimba kaKrestu nani nafa ngokubhekiselele kumthetho kaMosis, ukuze nibe ngabomnye, ongulo Krestu ke owavuswa kwabafileyo. Le nto ke ibanga ukuba sibe nokumsebenzela uThixo.
5 Kaloku ngokuya sasisidla ubomi, ngokweyethu intando, iinkanuko ezimbi ezivuselelwa ngumthetho zazilawula emizimbeni yethu, sisebenzela ukufa.
6 Ke, ekubeni safayo nje ngokubhekiselele kwezo zinto zazisilawula, sikhululekile ngoku emthethweni. Ngenxa yoko asisakhonzi ngendlela endala yomthetho obhaliweyo, kodwa sikhonza ngendlela entsha yoMoya.
7 Ndithini ke xa nditshoyo? Ngaba ndithi umthetho usisono? Nakanye! Kodwa ke ngendingasazanga isono ukuba ubungekho umthetho. Kaloku nenkanuko ngendingayazanga ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi: “Uze unganqweneli...”
8 Isono ke sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandivusela yonke inkanuko. Kaloku xa kungekho mthetho, isono sifile.
9 Mna ke bendifudula ndiphila ungekho umthetho. Uthe ke wakufika umthetho, savuka isono,