4 Kukwanjalo ke nakuni, mawethu. Ngokumanywa nomzimba kaKrestu nani nafa ngokubhekiselele kumthetho kaMosis, ukuze nibe ngabomnye, ongulo Krestu ke owavuswa kwabafileyo. Le nto ke ibanga ukuba sibe nokumsebenzela uThixo.
5 Kaloku ngokuya sasisidla ubomi, ngokweyethu intando, iinkanuko ezimbi ezivuselelwa ngumthetho zazilawula emizimbeni yethu, sisebenzela ukufa.
6 Ke, ekubeni safayo nje ngokubhekiselele kwezo zinto zazisilawula, sikhululekile ngoku emthethweni. Ngenxa yoko asisakhonzi ngendlela endala yomthetho obhaliweyo, kodwa sikhonza ngendlela entsha yoMoya.
7 Ndithini ke xa nditshoyo? Ngaba ndithi umthetho usisono? Nakanye! Kodwa ke ngendingasazanga isono ukuba ubungekho umthetho. Kaloku nenkanuko ngendingayazanga ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi: “Uze unganqweneli...”
8 Isono ke sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandivusela yonke inkanuko. Kaloku xa kungekho mthetho, isono sifile.
9 Mna ke bendifudula ndiphila ungekho umthetho. Uthe ke wakufika umthetho, savuka isono,
10 ndafa ke mna; waza umthetho owawumiselwe ukuzisa ubomi, wafumaneka inguwona undisa ekufeni.