6 Ke, ekubeni safayo nje ngokubhekiselele kwezo zinto zazisilawula, sikhululekile ngoku emthethweni. Ngenxa yoko asisakhonzi ngendlela endala yomthetho obhaliweyo, kodwa sikhonza ngendlela entsha yoMoya.
7 Ndithini ke xa nditshoyo? Ngaba ndithi umthetho usisono? Nakanye! Kodwa ke ngendingasazanga isono ukuba ubungekho umthetho. Kaloku nenkanuko ngendingayazanga ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi: “Uze unganqweneli...”
8 Isono ke sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandivusela yonke inkanuko. Kaloku xa kungekho mthetho, isono sifile.
9 Mna ke bendifudula ndiphila ungekho umthetho. Uthe ke wakufika umthetho, savuka isono,
10 ndafa ke mna; waza umthetho owawumiselwe ukuzisa ubomi, wafumaneka inguwona undisa ekufeni.
11 Kuba kaloku isono sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandilukuhla, sandibulala ngawo.
12 Okunene umthetho ungcwele; nomyalelo ungcwele, unobulungisa, ulungile.