8 Isono ke sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandivusela yonke inkanuko. Kaloku xa kungekho mthetho, isono sifile.
9 Mna ke bendifudula ndiphila ungekho umthetho. Uthe ke wakufika umthetho, savuka isono,
10 ndafa ke mna; waza umthetho owawumiselwe ukuzisa ubomi, wafumaneka inguwona undisa ekufeni.
11 Kuba kaloku isono sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandilukuhla, sandibulala ngawo.
12 Okunene umthetho ungcwele; nomyalelo ungcwele, unobulungisa, ulungile.
13 Umthetho ulungile nje, ungaba kukufa kum? Nakanye! Sisono esaba kukufa kum. Sona sisebenzise into elungileyo ukundizisela ukufa, saza ke sacaca into esiyiyo, khon' ukuze ngomthetho isono sibonakale sisisono ngakumbi nangakumbi.
14 Siyazi ke ukuba umthetho ngowoMoya kaThixo, kodwa mna ndiyinyama negazi; ndiphantsi kwegunya lesono.