27 IZiyon iya kukhululwa ngokusesikweni, nabaguquki bayo ngobulungisa;
28 ukwaphulwa kwabakreqi naboni kube kunye, bapheliswe abamshiyayo uYehova.
29 Ngokuba baya kudana yimiterebhinti* ebeniyinqwenela, nibe neentloni yimiyezo ebeniyinyula;
30 kuba niya kuba njengomterebhinti omagqabi omayo, nanjengomyezo ongenamanzi;
31 nenjengele ibe yingxubuwa, nomsebenzi wayo ube yintlantsi, kutshe kuphele kokubini kunye, kungabikho ucimayo.