Uisaya 31 XHO75

Ubudenge bokuthemba iYiputa neAsiriya kunokuthemba uThixo

1 Yeha, abehla baye eYiputa ukuba bancedwe, abayama ngamahashe, abakholosa ngeenqwelo zokulwa, kuba zininzi, nangabamahashe, kuba beqiné kunene; abangamnoneleli oyiNgcwele kaSirayeli, abangamquqeliyo uYehova!

2 Ulumkile ke naye; uya kuzisa ububi, angawabeki nxamnye amazwi akhe; uya kusukela phezulu kwindlu yabenzi bobubi, nakuncedo lwabasebenza ubutshinga.

3 AmaYiputa angabantu, àkaThixo; amahashe awo ayinyama, àkamoya; ukuba uYehova angásolula isandla sakhe, wokhubeka umncedi, awe umncedwa, baphele kunye bonke.

4 Ngokuba uYehova utshilo kum ukuthi, Njengokuba ingonyama, nengonyama entsha, isuka igqume phezu kwento eyibambileyo, yakubizelwa ihlokondiba labalusi, ingaloyiki ilizwi labo, ingayilahli ngokuxokozela kwabo: kwangokunjalo uya kuhla uYehova wemikhosi, ukuba ayikhuphele umkhosi intaba yeZiyon nenduli yayo.

5 Njengeentaka zindanda, uya kwenjenjalo uYehova wemikhosi ukuyikhusela iYerusalem, eyikhusela, eyihlangula, eyiconga, eyisiza.

6 Buyelani kulowo nimkileyo kuye ngokunzulu, nyana bakaSirayeli.

7 Ngokuba ngaloo mini baya kucekisa elowo izithixo zakhe zesilivere ezingení, nezegolide ezingení, ezinenzele zona izandla zenu, ukuba none ngazo.

8 Wowa uAsiriya likrele elingelelandoda, limdle ikrele elingelelamntu, asabe phambi kwekrele, amadodana akhe afakwe uviko.

9 Ingxondorha yakhe yodlula imke ngokunxunguphala, baqhiphuke umbilini abathetheli bakhe, bemke kwibhanile;* utsho uYehova, omlilo useZiyon, oziko liseYerusalem.