Uisaya 54 XHO75

Ukubuyiswa kweZiyon

1 Memelela, ludlolo lungazaliyo; gqabhuka umemelele, utsholoze, wena ungenanimba; ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabantwana bonendoda; utsho uYehova.

2 Yenze banzi indawo yentente yakho, uwatwabulule amalengalenga eminquba yakho, ungathinteli; zolule izintya zakho, uziqinisele izikhonkwane zakho.

3 Kuba ùya kutyhobozela ekunene nasekholo, imbewu yakho izidle ilifa iintlanga, iyime imizi ebingamanxuwa.

4 Musa ukoyika, ngokuba akuyi kudana; musa ukudideka lihlazo, ngokuba akuyi kuba nazintloni. Ngokuba ukudana kobuntombi bakho ùya kukulibala, ungcikivo lobuhlolokazi bakho ungabi salukhumbula.

5 Ngokuba indoda yakho nguMenzi wakho, ogama lakhe linguYehova wemikhosi; nguMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli, ekuthiwa nguThixo wehlabathi lonke.

6 Ngokuba uYehova ukubize njengomfazi obeshiyiwe, omoya ubulalekileyo, njengomfazi wobutsha, xeshikweni ebethe wacekiswa; utsho uThixo wakho.

7 Ndakushiya okwephanyazo elincinane; ndiya kukubutha ngemfesane enkulu.

8 Ngomkhukula woburhalarhume ndabusithelisa ubuso bam kuwe okwephanyazo; ndiya kuba nemfesane kuwe ngenceba engunaphakade; utsho uMkhululi wakho uYehova.

9 Ngokuba injengonogumbe kaNowa le nto kum; oko ndafungayo ukuba amanzi kaNowa akasayi kuba sahamba phezu kwehlabathi, ngokunjalo ndifungile ukuba andiyi kuba naburhalarhume kuwe, ndingakukhalimeli.

10 Ngokuba zingáde zimke iintaba, neenduli zishukume; yona inceba yam ayiyi kumka kuwe, ungashukumi nomnqophiso wam woxolo; utsho onemfesane kuwe, uYehova.

11 Wena lusizana, uphetshethwayo ungenantuthuzelo, yabona, ndiwabeka amatye akho kwistibhiya,* ndikuseka ngeesafire.*

12 Ndolumisa uqoqo lwakho ngeerubhi,* namasango akho ngamatye abengezelayo, nemida yakho yonke ngamatye anqabileyo.

13 Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho.

14 Ùya kuzinza ngobulungisa; ungakhe uxhale, ngokuba akuyi kuba nakoyika; ungakhe uqhiphuke umbilini, ngokuba akuyi kusondela kuwe.

15 Yabona, bayaqukana bahlanganisane, andikho mna kuloo nto; nokuba ngoobani na abaya kuqukana ngawe, baya kuwa ngenxa enawe.

16 Yabona, mna ndadala ingcibi efutha umlilo wamalahle, ivelise impahla ngokweshishini layo; kwamna ndadala nomonakalisi wokuyonakalisa.

17 Zonke izixhobo ezikhandelwa ukulwa nawe aziyi kuba nampumelelo; zonke iilwimi ezimelene nawe ematyaleni ùya kuzigweba. Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova, nobulungisa babo obuphuma kum; utsho uYehova.