Uisaya 56 XHO75

Iimeko zokuqwalaselwa ngabo banqwenela ukuhlangulwa

1 Utsho uYehova ukuthi, Gcinani isiko, nenze ubulungisa; kuba lusondele ukuba luze usindiso lwam, nobulungisa bam ukuba butyhileke.

2 Hayi, uyolo lomntu okwenzayo oku, nonyana womntu obambelela kuko oku; ogcina isabatha ukuba angayihlambeli; ogcina isandla sakhe ukuba singenzi nanye into embi.

3 Makangatsho ke unyana wolunye uhlanga, lo unamathele kuYehova, ukuthi, UYehova uya kundahlula kube kanye ebantwini bakhe; malingathi ithenwa, Yabona, ndingumthi owomileyo.

4 Ngokuba utsho uYehova kumathenwa ukuthi, Abazigcinayo iisabatha zam, banyule endikuthandayo, babambelele emnqophisweni wam,

5 ndobanika, endlwini yam nasezindongeni zam, indawo negama elilungileyo ngaphezu koonyana neentombi; ndobanika igama elingunaphakade elingayi kunqunyulwa.

6 Ke oonyana bolunye uhlanga, abanamathele kuYehova, ukuze balungiselele kuye, balithande igama likaYehova, ukuba babe ngabakhonzi kuye, bonke abayigcinayo isabatha bangayihlambeli, ababambelela emnqophisweni wam:

7 ndobázìsa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo nemibingelelo yabo yokholiseka esibingelelweni sam; kuba indlu yam kuya kuthiwa yindlu yokuthandaza ezizweni zonke.

8 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubabutheni abagxothiweyo bakaSirayeli, ndisaya kubutha nabanye ngaphaya kwakhe, ngaphaya kwababuthiweyo bakhe.

Ukunyeliswa kwabalawuli abakhohlakeleyo nokunqulwa kwezithixo

9 Nonke marhamncwa asendle, yizani apha; yizani kudla, nonke marhamncwa asehlathini.

10 Ababoniseli bakhe baziimfama, bonke bephela àbanakwazi, bonke bephela bazizinja ezizizidenge, ezingenakukhonkotha; zibhuda, zilala, zithanda ubuthongo.

11 Ewe, bazizinja ezithanda ukudla, ezingahluthiyo nokuhlutha; banjalo ke abalusi, àbakwazi ukuqonda; bonke bephela babheke kwezabo iindlela, elowo kweyakhe inzuzo, kowakhe ummandla.

12 Úthi, Yizani, ndiya kuthabatha iwayini, sisele kunene isiselo esinxilisayo; neyangomso imini ibe njengale, ibe nkulu, incamise kunene.