Uisaya 38 XHO75

Ukugula nokuchacha kukaHezekiya

1 Ngaloo mihla wayesifa UHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti kuye, uIsaya unyana ka-Amotsi; wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela indlu yakho, ngokuba uya kufa wena, akuyi kuphila.

2 UHezekiya wabubhekisa eludongeni ubuso bakhe, wathandaza kuYehova, wathi,

3 Khawukhumbule, ndiyakukhunga, Yehova, okokuba ndihambé phambi kwakho ngokunyaniseka nangentliziyo ephelelisileyo, ndakwenza okulungileyo emehlweni akho. Watsho uHezekiya isililo esikhulu.

4 Kwafika ilizwi likaYehova kuIsaya, lisithi,

5 Yiya uthi kuHezekiya, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho. Uyabona, ndiya kongezelela kwimihla yakho ishumi elinesihlanu leminyaka.

6 Ndiya kukuhlangula wena naló mzi esandleni sokumkani waseAsiriya, ndiwukhusele lo mzi.

7 Nangu ke umqondiso kuwe, uphuma kuYehova, ukuba úya kulenza uYehova elo lizwi alithethileyo.

8 Uyabona, ndiyasibuyisa isithunzi sezinyuko, esehláyo esinyukweni sika-Ahazi ngelanga, ndisibuyisa umva izinyuko ezilishumi. Labuya ke ilanga izinyuko ezilishumi ezinyukweni elibe lihlile ngazo.

Umbulelo kaHezekiya ngokuphila kwakhe

9 Umbhalo kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, oko ebesifa, waza waphila:

10 Ndathi mna, yakubon' ukuba ithe cwaka imihla yam, mandimke ndiye emasangweni elabafileyo;Ndivelelwe, ndayihluthwa eseleyo iminyaka yam.

11 Ndathi, Andiyi kumbona uYa, uYa ezweni labaphilileyo;Andiyi kuba samkhangela umntu, ndikubemi belabangasekhoyo.

12 Umnquba wam uza kuncothulwa, ufuduswe umke kum, njengentente yomalusi;Ndibusongile njengomluki ubomi bam; únditsheca ezintsingeni.Ùya kundigqibela ngosuku olunye.

13 Ndazizolisa kwada kwasa; njengengonyama, wénjenjalo ukuwaphula onke amathambo am.Ùya kundigqibela ngosuku olunye.

14 Njengehlankomo, njengendwe, ndenjenjalo ukukrikriza,Ndalila njengevukuthu; aphela amehlo am kukubheka phezulu:Yehova, ndifingekile, ndímele.

15 Ndothini na ukubulela, ethethile nje kum, wénza nokwenza?Mandicothoze yonke iminyaka yam eya kuza phezu kobukrakra bomphefumlo wam.

16 Nkosi yam, babuya baphile zezo zinto abantu,Bukuzo kanye ubomi bomoya wam:Wòndiphilisa ke, ndídlise ubomi.

17 Yabona, baba lusindiso kum ubukrakra obukhulu.Wena ke ngokundithanda, wawurhola umphefumlo wam esihogweni sokonakala;Ngokuba izono zam uzilahlile emva komhlana wakho.

18 Kuba elabafileyo alinakukuncoma, ukufa akunakukudumisa;Abahla baye emhadini àbakulindele ukunyanisa kwakho.

19 Ophilileyo, ophilileyo nguye owokuncoma, njengam nje namhla.Uyise uya kukwazisa ukunyanisa kwakho koonyana.

20 UYehova uza kundisindisa;Ngoko ke sozibetha iihadi zethuYonke imihla yobomi bethu, endlwini kaYehova.

21 Wathi uIsaya, mabathabathe isicumba samakhiwane, basibeke ethumbeni, ukuze aphile.

22 Wathi uHezekiya, Uyintoni na umqondiso wokuba ndiya kunyuka ndiye endlwini kaYehova?