Uisaya 10 XHO75

Ukuqhayisa kweAsiriya nokohlwaywa kwayo

1 Yeha, abamisi bemimiselo yobutshinga, ababhali ababhala uxhamlo;

2 ukuze bazisunduze izisweli, zingafiki ematyaleni, bazihluthe ibango lazo iintsizana zabantu bam, ukuba abahlolokazi babe lixhoba labo, baphange iinkedama!

3 Niya kuthini na ke ngemini yovelelo, nasesithongeni esivela kude? Niya kusabela kubani na ukuba anincede, nilushiye phi na uzuko lwenu?

4 Akukho kumbi, sekukukuguqa phakathi kwabakhonkwixeyo, bawe phakathi kwababuleweyo. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe, sisolukile isandla sakhe.

5 Yeha, uAsiriya, ntonga yomsindo wam; luswazi olusesandleni sabo ukubhavuma kwam!

6 Ndiya kumthumela kuhlanga oluyintshembenxa, ndimwisele umthetho ngabantu bokuphuphuma komsindo wam, ukuba athimbe amaxhoba, aphange okuphangiweyo, abenze into yokunyathelwa njengodaka lwezitrato.

7 Ke yena akabi kunjalo; intliziyo yakhe ayiyicingi loo nto; ngokuba okusentliziyweni yakhe kukutshabalalisa nokunqumla iintlanga ezingembalwa.

8 Kuba úthi, Abathetheli bam asingookumkani bonke na? IKaleno ayinjengeKarkemishe na,

9 iHamati ayinjengeArpadi na, owakwaSamari awunjengeDamasko na?

10 Njengokuba isandla sam sazifumanayo izikumkani zezithixo ezingení; ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo ingaphezulu kweyaseYerusalem neyakwaSamari:

11 andiyi kuthi na, njengoko ndenza ngako kowakwaSamari nezithixo zawo ezingení, ndenjenjalo kwiYerusalem nezithixo zayo?

12 Kuya kuthi, xa ithe iNkosi yazifeza izenzo zayo zonke entabeni yaseZiyon naseYerusalem, ndizivelele iziqhamo zobukhulu bentliziyo yokumkani waseAsiriya, nokuqhayisa ngokuqwayinga kwamehlo akhe.

13 Kuba úthe, Ndenzé ngamandla esandla sam nangobulumko bam; ngokuba ndinengqondo, ndayishenxisa imida yezizwe, ndaziphanga iimpahla zazo, ndabahlisa njengenkunzi eyimbalasane abahleli ezitroneni;

14 isandla sam sabufumana ubutyebi bezizwe njengendlu yentaka, ndalibutha mna lonke ihlabathi, njengokubutha amaqanda; akwabakho nanye ishukumisa iphiko, neyakhamayo, netswinayo.

15 Izembe lingámqhayisela na ogawula ngalo? isarha ingázikhulisa na ngaphezu koyitsalayo? ngathi intonga ingábajingisa abaphakamisi bayo, ngathi uswazi lungámphakamisa ongenguwo umthi!

16 Ngako oko iNkosi, iNkosi yemikhosi, iya kubathumela ukungcumbeka kwabatyebileyo bakhe, nangaphantsi kobuqaqawuli baseAsiriya kutshe ukutsha, njengokutsha komlilo.

17 Ukhanyiso lukaSirayeli luya kuba ngumlilo, oyiNgcwele wakhe abe lilangatye, litshise lidle amakhakakhaka akhe nobobo lwakhe ngamini-nye.

18 Uya kubuphelisa ubuqaqawuli behlathi lakhe, nobentsimi yakhe echumayo, ethabathela emphefumlweni ase enyameni, kube njengokungcungcutheka komntu ofayo;

19 abe mbalwa amasalela emithi yehlathi lakhe, ibhalwe nangumntwana.

20 Kuya kuthi ngaloo mini, angabi saphinda amasalela akwaSirayeli, nabasindileyo bendlu kaYakobi, bayame ngobabethayo; baya kwayama ngoYehova oyiNgcwele kaSirayeli, benyanisile.

21 Amasalela aya kubuya, amasalela akwaYakobi, eze kuThixo oligorha.

22 Kuba nangona bathe baba ngangentlabathi yaselwandle abantu bakho, Sirayeli, kobuya amasalela odwa kubo; ukupheliswa kumisiwe kwagqitywa, kukhukula ubulungisa.

23 Ngokuba iNkosi uYehova wemikhosi iza kwenza phakathi kwehlabathi lonke impeliso, iyemisiweyo ke yagqitywa.

24 Ngako oko, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ukuthi, Musani ukumoyika uAsiriya, bantu bam bahleliyo eZiyon, akunibetha ngentonga, aniphakamisele uswazi lwakhe ngohlobo lwamaYiputa.

25 Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinane, kuphele ukubhavuma kwam, nomsindo wam uye kumonakalisa;

26 ajiwule phezu kwakhe uYehova wemikhosi iziniya, njengoko wabetha amaMidiyan eweni likaOrebhe; intonga yakhe ibe phezu kolwandle, ayiphakamise ngohlobo lwamaYiputa.

27 Kuya kuthi ngaloo mini, usuke umthwalo wakhe esixhantini sakho, nedyokhwe yakhe entanyeni yakho, idyokhwe yonakale kukutyeba.

28 Úfikile eAyati, ucandé eMigron, uyibeke eMikimashe impahla yakhe.

29 Baqabéle enkalweni, bathi, Masilalise eGebha. Iyagubha iRama, isabile iGibheha yakwaSawule.

30 Khala ngezwi lakho, ntombi yaseGalim! Baza iindlebe, Layisha! Uha, Anatoti!

31 IMadema ibalekile; abemi baseGebhim bazisabisile iintsapho zabo.

32 Umisa eNobhe kwanamhlanje, ulingisa ngesandla sakhe entabeni yentombi enguZiyon, endulini yaseYerusalem.

33 Yabona, iNkosi uYehova wemikhosi, iyawathi tyhobotyhobo amahlamvu ngokungcangcazelisayo, namade aphezulu axakaxwe, naphakamileyo athotywe;

34 ihlàhla neentshinyela zehlathi ngesixengxe, iwiswe iLebhanon ngonamandla.