Uisaya 27 XHO75

Isidiliya seNkosi

1 Ngaloo mini uYehova uya kuyivelela ngekrele lakhe, elo lilukhuni, elo likhulu, elo lomeleleyo, ileviyatan* inyoka ebalekayo, neleviyatan inyoka ephinyaphinyelayo; ayibulale ingwenya eselwandle.

2 Ngaloo mini kuya kuthiwa, Isidiliya esinqwenelekayo, hlabelani ngaso.

3 Mna Yehova ndingumlondolozi waso; ndiya kusinyéla ngamaxesha onke, ndiya kusilondoloza ubusuku nemini, hleze sivelelwe yinto.

4 Ubushushu abukho kum; akwaba bekukho ubobo namakhakakhaka phambi kwam! Bendiya kugaleleka kuwo ngokulwa, bendiya kuwatshisa kanye.

5 Okanye mababambelele egwibeni lam, baxolelane nam, ewe, baxolelane nam.

6 Ngezayo imihla uYakobi uya kwendelisela iingcambu, atyatyambe adubule uSirayeli, balizalise lonke elimiweyo ngeziqhamo.

7 Úmbethé ngokubetha kwababethi bakhe na? Mhlawumbi úbulewe ngokubulawa kwababulewe nguye na?

8 Ekumaleni wabambana naye, walinganisela, wakha uluhlu, wamgxotha ngomoya wakhe owomeleleyo ngemini yomoya wasempumalanga.

9 Ngako oko ubugwenxa bukaYakobi buya kucanyagushelwa ngale nto; isiqhamo sonke sokususa isono sakhe soba sesi sokuthi, awenze onke amatye esibingelelo abe njengamatye ekalika ankumenkume, bangavuki ooAshera* nezithixo zelanga.

10 Ngokuba umzi onqatyisiweyo uwodwa, usisithili esilahliweyo, esishiyiweyo njengentlango. Aya kudla khona amathole, abuthe khona, awadle awagqibe khona amahlamvu aso.

11 Othi akoma amasebe aso, aphulwe; beze abafazi, bawabase; kuba asibantu banangqondo aba; ngako oko umenzi wabo akayi kuba namfesane kubo, umbumbi wabo akayi kubababala.

12 Kuya kuthi ngaloo mini, abhulise uYehova, athabathele emsingeni woMlambo,* ase esihlanjeni saseYiputa, nihlanganiselwe omnye komnye, nina nyana bakaSirayeli.

13 Kuya kuthi ngaloo mini, kuvuthelwe isigodlo esikhulu, beze ababelahlekele ezweni laseAsiriya, nababegxothelwe ezweni lamaYiputa, baqubude kuYehova entabeni engcwele eseYerusalem.