Uisaya 17 XHO75

Okuya kuhlela iDamasko noSirayeli

1 Isihlabo esisingisele kwiDamasko. Yabona, iDamasko iya kususwa ekubeni ngumzi, ibe ngumwewe owileyo.

2 Ishiyiwe imizi yaseArohere; iya kuba yeyemihlambi, ibuthe khona, kungabikho uyothusayo;

3 iphelìswe inqaba kwaEfrayim nobukumkani kwiDamasko, amasalela ama-Aram* abe njengobuqaqawuli boonyana bakaSirayeli; utsho uYehova wemikhosi.

4 Kuya kuthi ngaloo mini, busweleke ubuqaqawuli bukaYakobi, ingcumbeke inyama yakhe etyebileyo.

5 Kuya kuba njengomvuni ehlanganisa ingqolowa emiyo, ingalo yakhe isika izikhwebu, kube njengokubhikica izikhwebu esihlanjeni samaRafa;

6 kusale okubhikicwayo khona, njengasekuvuthululweni komnquma; amabhumbulu abe mabini namathathu emancamini phezulu, abe mané namahlanu ezimbaxeni zawo umthi oneziqhamo; utsho uYehova, uThixo kaSirayeli.

7 Ngaloo mini umntu uya kondela kuMenzi wakhe, amehlo akhe akhangele koyiNgcwele kaSirayeli;

8 anganoneleli izibingelelo, izenzo zezandla zakhe, angayikhangeli into eyênziwa yiminwe yakhe, noAshera,* nezithixo zelanga.

9 Ngaloo mini imizi yakhe enqabileyo iya kuba ngamanxuwa asezintshinyeleni zehlathi, nawasezincotsheni zeentaba, abawashiyáyo phambi koonyana bakaSirayeli; koba senkangala.

10 Ngokokuba ùmlibele uThixo, umsindisi wakho, akwalikhumbula neliwa lokunqaba kwakho; ngenxa yoko watyala izityalo ezimnandi, wamilisela kuzo iintswazi zomdiliya wasemzini.

11 Ngemini yokutyala kwakho wawubiyela, kusasa wayityatyambisa imbewu yakho — sisitha sokwindla eso ngemini yesifo, nomvandedwa obulalayo.

Ukubhukuqwa kweAsiriya

12 Yeha, ukuguguma kwezizwe ezininzi, ziguguma njengokuguguma kweelwandle! Yeha, ukungxola kwezizwe, zingxola njengokungxola kwamanzi anamandla!

13 Izizwe zingxola njengokungxola kwamanzi amaninzi; ke uThixo wozikhalimela, zisabe ziye kude, zisukelwe njengomququ weentaba phambi komoya, njengefukufuku lothuli phambi kwesaqhwithi.

14 Ngexa langokuhlwa, nanko zikhwankqile; kungekasi, azikho. Siso eso isahlulo sabasidywidayo, nelifa labasiphangayo.