Uisaya 46 XHO75

Ukuthelekiswa kukaYehova nezithixo zaseBhabheli

1 UBhele* uyaguqa, uNebho* uya bhanyalaza; izithixo zabo zibekwe emaqegwini nasezinkomeni ezitsalayo; ezi nibe nizithwala zibotshiwe, zingumthwalo kwizinto ezityhafileyo.

2 Izithixo zabhanyalaza, zaguqa kunye, azaba nakuzisiza ekuthwaleni, ke inkqu yazo yaya ekuthinjweni.

3 Phulaphulani kum, ndlu kaYakobi, nonke masalela endlu kaSirayeli, nina nabekwayo phezu kwam kwasesiswini, nina nathwalwayo ndim kwasesizalweni;

4 kude kuse ebudaleni ikwandim, kude kuse ezimvini ndiya kunityatha emagxeni mna. Ndikwenzile mna; ndiya kunithwala mna, ndiya kunityatha emagxeni mna, ndinisize.

5 Ninokundifanisa, nindilinganise, nindinxulumise nabani na, ukuba sifane?

6 Bona bawohloza igolide engxoweni, balinganise isilivere ngesikali;* baqesha umnyibilikisi, ayenze isithixo; basibekeke, ewe, baqubude.

7 Bayasithwala, basityathe emagxeni, basibeke phantsi endaweni yaso, sime; asibuyi sisuke kuloo ndawo yaso; ewe, bayakhala kuso, singaphenduli; àsisindisi bani embandezelweni yakhe.

8 Khumbulani oko, nibe ngamadoda; kunyamekeleni ngentliziyo, nina bakreqileyo.

9 Khumbulani izinto zangaphambili, zasephakadeni, okokuba ndinguThixo, akukho wumbi; ndinguThixo, akukho namnye unjengam;

10 ukuxelayo kwasekuqaleni okungasemva, nakwabamandulo okungekenzeki, ndisithi, Icebo lam liya kuma, ndikwènze konke ukuthanda kwam;

11 ndíbiza ukhozi empumalanga, indoda yecebo lam ezweni elikude; ndítshilo, ewe, ndiya kukufeza; ndíyilile, ewe, ndiya kukwenza.

12 Phulaphulani kum, nina bantliziyo ilukhuni, bakude nobulungisa.

13 Ndisondeza ubulungisa bam, abuyi kuba kude; nosindiso lwam aluyi kulibala; ndinika usindiso eZiyon, uzuko lwam kuSirayeli.