Uisaya 37 XHO75

1 Kwathi, akukuva oku ukumkani uHezekiya, wazikrazula iingubo zakhe wazigquma ngezirhwexayo, wangena endlwini kaYehova.

2 Wathuma uEliyakim umphathi wendlu, noShebhena umbhali, namadoda amakhulu ababingeleli, bezigqume ngezirhwexayo, kuIsaya umprofeti, unyana ka-Amotsi.

3 Bathi kuye, Utsho uHezekiya ukuthi, Le mini yimini yembandezelo neyokohlwaya neyogibo; ngokuba abantwana bazé kufika emlonyeni wesizalo, tu ke amandla okuzala.

4 Mhlawumbi uYehova uThixo wakho angaweva amazwi kaRabheshake, othunyiweyo ngukumkani waseAsiriya inkosi yakhe, ukungcikiva uThixo ophilileyo; amohlwaye ngenxa yamazwi lawo awavileyo uYehova uThixo wakho; wena uphakámise umthandazo ngenxa yamasalela asekhoyo.

5 Baya ke abakhonzi bokumkani uHezekiya kuIsaya.

6 Wathi uIsaya kubo, Nothi kwinkosi yenu, Utsho uYehova ukuthi, Musa ukoyikiswa ngamazwi owavileyo, abandinyelise ngawo abafana bakwakumkani waseAsiriya.

7 Yabona, ndimfaka umoya, ukuba eve udaba olubi, abuye ke aye ezweni lakhe, ndimwise ngekrele ezweni lakhe.

8 Wabuya ke uRabheshake, wamfumana ukumkani waseAsiriya esilwa neLibhena; ngokuba ebevile ukuba undulukile eLakishe.

9 Weva kusithiwa ngoTiraka ukumkani wakwaKushi, Uphumile esiza kulwa nawe. Weva ke, wathumela abathunywa kuHezekiya esithi,

10 Notsho kuHezekiya ukumkani wakwaYuda ukuthi, Makangakulukuhli uThixo wakho, okholose ngaye wena, usithi, Ayisayi kunikelwa iYerusalem esandleni sokumkani waseAsiriya.

11 Uyabona, ukuvile wena abakwenzileyo ookumkani baseAsiriya kumazwe onke, ukuba bawaphanzisa; ùya kuhlangulwa na ke wena?

12 Oothixo beentlanga ke bazihlangula na ezo, bazitshabalalisáyo oobawo, iGozan, neHaran, neRetsefe, noonyana bakaEden ababeseTelasare?

13 Úphi na ukumkani weHamati, nokumkani weArpadi, nokumkani womzi waseSefarvayim, neHena, neIva?

14 Wawathabatha uHezekiya amaphepha encwadi esandleni sabathunywa, wawafunda; wenyuka waya endlwini kaYehova, wayaneka uHezekiya phambi koYehova.

15 Wathandaza uHezekiya kuYehova esithi,

16 Yehova wemikhosi, Thixo wakwaSirayeli, wena uhleli phakathi kweekerubhi,* unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena ulenzile izulu nehlabathi.

17 Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve onke amazwi kaSaneribhe, awathumele ukungcikiva uThixo ophilileyo.

18 Okunene, Yehova, ookumkani baseAsiriya baziphanzisile zonke iintlanga namazwe azo;

19 babanikela oothixo bazo emlilweni, kuba bebengèthixo, bebengumsebenzi wezandla zomntu, umthi nelitye; babatshabalalisa ke.

20 Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, sísindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi, ukuba wena unguYehova wedwa.

21 Wathumela ke uIsaya unyana ka-Amotsi kuHezekiya, esithi, Útsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Okuthandazeleyo kum, ngokubhekisele kuSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ndikuvile.

22 Lilo eli ilizwi alithethayo uYehova ngaye, Intombi eyintombi uZiyon iyakudela, iyakugculela; intombi uYerusalem ihlunguzela intloko emva kwakho.

23 Ngubani na lo umngcikivileyo, umnyelisileyo? Ngubani na lo ùmphakamisele ilizwi lakho, ukude uwaphakamisele amehlo akho phezulu nje? NgoyiNgcwele wakwaSirayeli.

24 Ùyingcikivile iNkosi ngabakhonzi bakho, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyigawúle imisedare* yayo emide kakhulu nemisipres* yayo enyuliweyo; ndifiké kweyokuphela indawo yayo ephezulu, ehlathini lentsimi yayo echumayo.

25 Ndimbé, ndasela amanzi mna; ndiya kuyomisa ngentende yeenyawo zam yonke imijelo yoMnayile oseYiputa.

26 Akuvanga na? Kwakude ndakwenza oku, kwangemihla yamandulo ndakubumba; ndikufikisile, kwenzeka ngoku ukuba uyikhahlele phantsi imizi enqatyisiweyo, ibe yingxakangxaka yemiwewe.

27 Abemi bayo bánqumka izandla, baqhiphuka umbilini, badana, baba ngumfuno wasendle, nohlaza, utyani obuphezu kwendlu, nentsimi yengqolowa engekabi mvila.

28 Ke ukuhlala kwakho, nokuphuma kwakho, nokungena kwakho, ndiyakwazi, nokuguguma kwakho ngam.

29 Ngenxa yokuguguma kwakho ngam, nangenxa yokutyesha kwakho okunyuke kweza ezindlebeni zam, ndiya kufaka ikhonkco lam empumlweni yakho, nomkhala wam emlonyeni wakho, ndikubuyise ngendlela oweza ngayo.

30 Ke kaloku nguwo lo umqondiso kuwe: lo mnyaka kodliwa ummilela, ngomnyaka wesibini kodliwa isihlabane; ngomnyaka wesithathu nohlwayela nivune, nityale izidiliya, nidle iziqhamo zazo.

31 Abasindileyo bendlu yakwaYuda, abo baseleyo, baya kubuya bendelisele iingcambu phantsi, benze iziqhamo phezulu.

32 Ngokuba kuya kuphuma eYerusalem abaseleyo nabasindileyo entabeni yeZiyon. Ubukhwele bukaYehova wemikhosi buya kukwenza oko.

33 Ngako oko utsho uYehova ngokubhekisele kukumkani waseAsiriya, ukuthi, Akayi kungena kulo mzi, akayi kutola notolo kuwo, akayi kuwuzela enengweletshetshe, akayi kuwufumbela ludonga lakungqinga.

34 Uya kubuya ngendlela aweza ngayo; akasayi kungena kuló mzi; utsho uYehova.

35 Ndiya kuwukhusela lo mzi, ndiwusindise ngenxa yam, nangenxa kaDavide, umkhonzi wam.

36 Kwaphuma ke isithunywa sikaYehova, saxabela emkhosini wama-Asiriya ikhulu elinamanci asibhozo anesihlanu amawaka. Bavuka kusasa, nango ezizidumbu ezifileyo onke.

37 Wanduluka, wahamba; wabuya uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, wahlala eNineve.

38 Kwathi, enqula endlwini kaNiseroki uthixo wakhe, bamxabela ngekrele ooAdrameleki noSharetsere, oonyana bakhe. Baza basabela ezweni laseArarati. UEsar-hadon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.