Uisaya 22 XHO75

Ubudenge beYerusalem buyathethiswa

1 Isihlabo esisingisele kumfula wombono.Ùkholose ngantoni na kaloku, le nto unyukileyo waya phezu kwezindlu wonke uphela?

2 Wena uzeleyo kukungxola, wena mzi uxokozelayo, wena nqaba ivuyelelayo; ababuleweyo bakho ababulawanga likrele, abafanga yimfazwe.

3 Bonke abaphathi bakho babaleka kunye, bakhonkxwe kungabangakho saphetha; bonke abáfunyanwa kuwe bákhonkxwa kunye ekubalekeleni kwabo kude.

4 Ngenxa yoko ndathi, Susani amehlo kum, ndikwenze kube krakra ukulila kwam; musani ukundizama ngokundithuthuzela ngenxa yokubhuqwa kwentombi yabantu bakowethu.

5 Ngokuba ifikelwe ngumhla wokudungwadungwa, wokugqushwa, wokuqungwaqungwa, okuvela kwiNkosi uYehova wemikhosi, emfuleni wombono; umhla wokuwiselwa phantsi iindonga, wokuzibika ezintabeni.

6 AmaElam aqubulé umphongolo, eneenqwelo zokulwa ezinamadoda nabamahashe; amaKiri ahlubé iingweletshetshe.

7 Zathi ke iintili zakho ezintle zazala ziinqwelo zokulwa, bathi abamahashe bamisa bemisile esangweni.

8 Wasibhenqa isigqubuthelo sakwaYuda; waza wena ngaloo mini wabheka esikrweqeni sendlu yehlathi.

9 Nazibona iintanda zomzi kaDavide ukuba ninzi, nahlanganisa amanzi echibi lasezantsi;

10 izindlu zaseYerusalem nazibala; nazidiliza izindlu, ukuze ninqabise udonga.

11 Nenza isigingqi samanzi echibi elidala phakathi kweendonga zombini, ànakhangela kumenzi wale nto, anambeka owayibumbayo kwakudala.

12 INkosi, uYehova wemikhosi, ngaloo mini yabizela ekulileni, nasekumbambazeleni, nasekuchebeni intloko, nasekubhinqeni iingubo ezirhwexayo;

13 kanti kusuke kwaba yimihlali nemivuyo, kusoselwa iinkomo, kuxhelwa iigusha, kudliwa inyama, kuselwa iwayini; kudliwa, kuselwa, kuba kusithiwa, Ngomso soba sesifile.

14 UYehova wemikhosi wazityhila ngokwakhe ezindlebeni zam, wathi, Nento, ukuba nokha nicanyagushelwe obo bugwenxa, nide nife! itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.

UShebhena uza kuthulwa esihlalweni kumiselwe uEliyakim

15 Yatsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ukuthi, Hamba uye kwelaa gosa, kuShebhena umphathi wendlu, uthi,

16 Ùnantoni na apha, unabani na apha, ukuba nje uzixholele ingcwaba apha, njengoxhola ingcwaba lakhe phezulu, ezikrolela ikhaya engxondorheni?

17 Yabona, uYehova uya kukudandalazisa ngokudandalazisa kwendoda, akuxhakamfule, akuqinise.

18 Úya kukuthándela akuthandele, ube yinto yokunqakulisa, imbumbulu esinga ezweni elibanzi ngeenxa zombini. Ùya kufela apho, zibe lapho iinqwelo zobuqaqawuli bakho, wena, hlazo lendlu yenkosi yakho.

19 Ndokuguzula usuke ebugoseni bakho, akugungxule ebumeni bakho.

20 Kuya kuthi ngaloo mini, ndibize umkhonzi wam, uEliyakim unyana kaHilekiya;

21 ndimambathise iingubo zakho zangaphantsi, ndimbophe ngombhinqo wakho, ndimnikele esandleni ulawulo lwakho, abe nguyise wabemi baseYerusalem nowabendlu kaYuda.

22 Ndiya kusibeka isitshixo sendlu kaDavide esixhantini sakhe, avule kungabikho uvalayo, avale kungabikho uvulayo;

23 ndimbethelele abe sisikhonkwane endaweni eqinileyo; abe yitrone yozuko kwindlu kayise.

24 Baya kubuxhoma kuye bonke ubunzima bendlu kayise, amagatya neempakatha, yonke impahla encinane, kuthabathele empahleni ezizidendeleko, kuse empahleni yonke eyimiphanda.

25 Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, síya kususwa isikhonkwane, eso sibethelelwe endaweni eqinileyo, sixakaxwe, siwe, unqanyulwe umthwalo ophezu kwaso; ngokuba uYehova ethethile.