Uisaya 13 XHO75

Ukubhukuqwa kweBhabheli ngamaMedi

1 Isihlabo esisingisele kwiBhabheli, awasibonayo uIsaya, unyana ka-Amotsi.

2 Nyusani ibhanile* phezu kwentaba eluqayi, baphakamiseleni ilizwi; khobani ngesandla, bangene emasangweni amanene.

3 Mna ndibawísele umthetho abangcwalisiweyo bam, ndiwabizele umsindo wam amagorha am, abadlamkileyo bam abanekratshi.

4 Yiveni ingxokolo ezintabeni, ngathi yeyabantu abaninzi. Yiveni ingxokolo yezikumkani zeentlanga, zíhlanganisene; uYehova wemikhosi uhlanganisa umkhosi wemfazwe.

5 Bavela ezweni elikude, ekupheleni kwamazulu — nguYehova nezixhobo zengqumbo yakhe, ukuba alonakalise ilizwe lonke.

6 Bhombolozani, kuba isondele imini kaYehova, ivela ngokwembuqo kuSomandla.

7 Ngenxa yoko ziwile iingalo zonke, zonke iintliziyo zabantu zinyibilikile.

8 Bakhwankqile, bafikelwe kukupenapena nayinimba; bayazibhijabhija njengozalayo, bakhwankqiswe ulowo nguwabo; ubuso babo bubuso bamalangatye.

9 Yabona, imini kaYehova iyeza, inobujorha, iphuphuma umsindo, ishushu, ukuba ilènze libe senkangala ilizwe, ibatshabalalise aboni balo kulo.

10 Kuba iinkwenkwezi zezulu namakroza alo akayi kukhanyisa kukhanya kwawo; liya kuba mnyama ilanga ekuphumeni kwalo, inyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo.

11 Ndolivelela elimiweyo ngenxa yobubi balo, nabangendawo ngenxa yobugwenxa babo, ndiliphèlise ikratshi labakhukhumeleyo, ndilithobele phantsi ikratshi labangcangcazelisi;

12 ndiwènze amadoda anqabe ngaphezu kwegolide engcwengiweyo, noluntu lunqabe ngaphezu kwegolide ecikizekileyo yakwaOfire.

13 Ngenxa yoko ndiya kuligungqisa izulu, nehlabathi linyikime, lishenxe endaweni yalo ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi, ngemini yokuvutha komsindo wakhe;

14 bathi ke, njengebhadikazi elisukeliswayo, nanjengomhlambi ongenamhlanganisi, babheke elowo kubantu bakowabo, basabele elowo ezweni lakowabo.

15 Bonke abo bafunyenweyo baya kuhlatywa amahlànza, bonke abo babanjiweyo bawe likrele.

16 Zocunyuzwa iintsana zabo phambi kwamehlo abo, ziphangwe izindlu zabo, balalwe abafazi babo.

17 Yabona, ndibaxhoxhela amaMedi angayibekiyo isilivere, angayinanzileyo negolide.

18 Izaphetha zawo ziya kukhahlela amadodana, nesiqhamo sesizalo angabi namfesane siso; iliso lawo lingabi nanceba kubo abantwana.

19 IBhabheli, ikhazikhazi lezikumkani, isihombo sekratshi lamaKaledi, iya kuba njengokubhukuqa kukaThixo iSodom neGomora.

20 Ayi kumiwa naphakade, ayi kuza ihlalwe ezizukulwaneni ngezizukulwana, angagxumeki ntente khona nomArabhi, nabalusi bangakhi khona buhlanti.

21 Obutha khona amarhamncwa omqwebedu, zizale izindlu zabo zizihuluhulu, kuhlale iinciniba khona, kuqakathe izinto ezimaxhonti khona;

22 kulile amaxhwili ezingxandeni zabo ezinde, neempungutye emabhotweni okuxhamla ubuncwane; kusondele ukuza kwexesha layo, nemini yayo ingalibali.