18 Ngaloo mini imizi emihlanu ezweni lamaYiputa iya kuthetha intetho yelakwaKanan, ifunge uYehova wemikhosi; omnye kuya kuthiwa yi-Ir-heres.*
19 Ngaloo mini kuya kubakho isibingelelo kuYehova phakathi kwelizwe lamaYiputa, nelitye elimisiweyo kuYehova ngasemdeni walo.
20 Oko koba ngumqondiso nobungqina kuYehova wemikhosi ezweni lamaYiputa; xa athe akhala kuYehova ngenxa yabaxinezeli bawo, wowathumela umsindisi nomthetheleli, awahlangule.
21 UYehova uya kuzazisa kumaYiputa, amazi uYehova amaYiputa ngaloo mini, amkhonze ngemibingelelo nangeminikelo yokudla; abhambathise ngezibhambathiso kuYehova, azizalise.
22 UYehova uya kuwabetha ke amaYiputa, ebetha ephilisa; abuyele kuYehova, yena athandazeke ngawo, awaphilise.
23 Ngaloo mini kuya kubakho umendo ophuma eYiputa, oya eAsiriya; eze ama-Asiriya eYiputa, amaYiputa aye eAsiriya, akhonze uYehova amaYiputa kunye nama-Asiriya.
24 Ngaloo mini amaSirayeli aya kuba sisahlulo sesithathu kumaYiputa nakuma-Asiriya, eyintsikelelo phakathi kwehlabathi;