5 Aya kuthi qoko amanzi aselwandle, utshe wome umlambo;
6 zinuke izibhaxa zawo, iwuthe itshe imijelo yoMnayile waseYiputa, zishwabane iingcongolo nemikhanzi.
7 Iintili ezingakuMnayile, ngasechwebeni loMnayile, nento yonke ehlwayelweyo, iya koma, iphetshethwe ingabikho.
8 Baya kuncwina ababambisi beentlanzi, bambambazele bonke abaphosa iqherhu eMnayileni, bathi matshamatsha abaneka umnatha phezu kwamanzi.
9 Baya kudana abasebenzi beflakisi* echazwayo, nabaluki belinen emhlophe;
10 zithiwe vithivithi iintsika zalo, ube buhlungu umphefumlo wabo bonke abasebenzela umvuzo.
11 Bazizimathane zodwa abathetheli baseTsohan; amaphakathi alumkileyo kaFaro, icebo labo libubutyhakala. Ningáthini na ukuthi kuFaro, Ndingunyana wezilumko, ndingunyana wookumkani bamandulo?