10 Wena, nto yam ibhuliweyo, ngqolowa yesandá sam, endikuvileyo kuYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ndikuxelile kuni.
11 Isihlabo esisingisele kothe cwaka.Omemeza kum ekwelakwaSehire, uthi, Mlindi, kuxa liphi na ebusuku? mlindi, kuxa liphi na ebusuku?
12 Uthi umlindi, Kuyeza ukusa, kwanobusuku. Ukuba niyabuza, buzani; buyani, yizani.
13 Isihlabo esisingisele kwelaseArabhi.KwelaseArabhi niya kulalisa emxawukeni, nina mikhoko yamaDedan.
14 Baziseleni amanzi abanxaniweyo; nina, bemi bakwaTema, nibakhawùlele ngesonka abaphalaphalayo.
15 Ngokuba baphalaphaliswa ngamakrele, amakrele athiwe kruthu, nasisaphetha esityhidiweyo, nayimfazwe enzima.
16 Ngokuba iNkosi itshilo kum ukuthi, Kwakulo mnyaka, njengeminyaka yomqeshwa, buya kuphela ubuqaqawuli bonke bakwaKedare;