3 Ngenxa yoko azele amanqe am kukuzibhijabhija, inimba indifikele njengenimba yozalayo; ndiyapenapena, andiva; ndikhwankqile, andiboni.
4 Intliziyo yam iyadinga, ukududuzela kundidandathekisile; ungcwalazi, into endiyilangazelelayo, ulwenzé into endigubhisayo.
5 Kulungiswa isithebe, kuboniselwa umboniselo, kuyadliwa, kuyaselwa — vukani, bathetheli, thambisani iingweletshetshe.
6 Ngokuba itsho kum iNkosi, ukuthi, Yiya umise umboniseli, athi akubona into aze kuyixela.
7 Wabona umkhoko wabakhweli, abamahashe bengababini, nabakhweli bamaesile, nabakhweli beenkamela; wabaza iindlebe, wazibaza kakhulu kunene.
8 Wadanduluka ngelengonyama, esithi, Nkosi, kususela koko ndimi emboniselweni emini, ndizimisile esigxineni sam ubusuku ngobusuku.
9 Ke, yabona, kweza umkhoko wamadoda, abamahashe bengababini. Wasusela wathi, Iwile, iwile iBhabheli; yonke imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bayo uyaphulele emhlabeni.