9 Abayi kusela wayini benengoma; sikrakra isiselo esinxilisayo kwabasiselayo.
10 Uqhekekile umzi osenyanyeni, zivalekile zonke izindlu ukuba zingàngenwa mntu.
11 Bakhala ngewayini phandle; itshonile yonke imivuyo; iphelé kwathi tu imihlali yehlabathi.
12 Umzi usele walinxuwa, laqotywa isango layimvithi.
13 Kuba kuya kuba nje esazulwini sehlabathi lonke phakathi kwezizwe, kube njengasekuvuthululweni komnquma, njengasekubhikiceni ukuphela kokuvuna iidiliya.
14 Bona aba baya kuphakamisa ilizwi, bamemelele; baya kutsholoza ngobungangamsha bukaYehova, beselwandle, bathi,
15 Ngenxa yoko, kuzisani uYehova emimandleni yokukhanya: igama likaYehova, uThixo kaSirayeli, eziqithini zolwandle.