21 Ngokuba úya kusuk' eme uYehova, njengasentabeni yePeratsim; uya kuguguma, njengasentilini yeGibheyon; ukuba enze isenzo sakhe, isenzo sakhe esisodwa, ukuba asebenze umsebenzi wakhe, umsebenzi wakhe ongaqhelekileyo.
22 Kaloku ke musani ukugxeka, hleze kuqiniselwe ukubotshelelwa kwenu; ngokokuba isiphelo esiya kulifikela ilizwe lonke sisesimisiweyo ke sagqitywa; ndisivile eNkosini, uYehova wemikhosi.
23 Libekeleni indlebe nilive ilizwi lam; yibazeleni indlebe niyive intetho yam.
24 Umlimi ulima iimini ezi zonke na, ukuba ahlwayele? anqike aqwakanise umhlaba wakhe na?
25 Àkathi na, akuba ebulungelelanisile ubuso bawo, asasaze idile,* agcwayele ikumin,* akrozise ingqolowa, nerhasi endaweni ephawuliweyo, nespelete* ngasemdeni wayo?
26 Ùmqeqeshile ngokwesiko uThixo wakhe, wamyala.
27 Kuba idile ayisizilwa ngempahla yokusizila, ayiqengqelwa ngevili yenqwelo ikumin; itsinwa ngoswazi idile, nekumin ngentonga.