7 Kwanaba ke bayotywé yiwayini, bayahexa sisiselo esinxilisayo; umbingeleli nomprofeti bayotywé sisiselo esinxilisayo, baginywé yiwayini, bayahexa sisiselo esinxilisayo; bayotyiwe bebona imibono, bayagexa begweba ityala.
8 Kuba zonke izithebe zizele ngumhlanzo oyintshontsho; akukho ndawo ingenawo.
9 Bathi, Úya kuyala bani na ukuba azi? aqondise bani na udaba? Abalunyulweyo emasini? abancothulweyo ebeleni?
10 Kuba umthetho uza phezu komthetho, umthetho phezu komthetho; ummiselo phezu kommiselo, ummiselo phezu kommiselo; intwana apha, intwana phaya.
11 Inene, úya kuthetha ngentetho ethintithayo nangalulwimi lumbi kwaba bantu;
12 watshoyo kubo ukuthi, Nantsi indawo yokuphumla, phumzani abatyhafileyo; nantsi indawo yokunyhamnyheka; basuka àbavuma ukuva.
13 Ngoko ke ilizwi likaYehova loba ngumthetho phezu komthetho kubo, umthetho phezu komthetho; ngummiselo phezu kommiselo, ummiselo phezu kommiselo; intwana apha, intwana phaya: ukuze baye bakhubeke, bawe ngomva, baphuke, barhintyelwe, babanjiswe.