1 Ngokuba ùyabona, iNkosi, uYehova wemikhosi, isusa eYerusalem nakwaYuda isixhaso nenkxaso, sonke isixhaso sesonka kwanesixhaso samanzi:
2 igorha nendoda yokulwa, umgwebi nomprofeti, umvumisi nendoda enkulu,
3 umthetheli wamashumi amahlanu, nobekekileyo, nomphakathi, nesilumko esinobungcibi, nengqondi yokukhwitsa.
4 Ndobanika abathetheli abangabantwana, nabafekethi babalawule;
5 bakhandanisane abantu ulowo nalowo, ulowo nalowa. Baya kusunduzana umntwana nendoda enkulu, ubuvuvu nabazukileyo.
6 Xa umntu aya kuthi abambelele kumzalwana wakhe endlwini kayise, athi, Unengubo wena, masiphathwe nguwe, oku kukhahleleka kube sesandleni sakho: