12 Ngako oko utsho oyiNgcwele kaSirayeli ukuthi, Ngokokuba nilicekisile elo lizwi, nakholosa ngokucudisa nangobugwenxa, nayama khona:
13 ngako oko, obo bugwenxa kuni buya kuba njengendawo ekrazukileyo, ewayo, ezimkayo eludongeni olude, ekuqhekeka kwayo kuza ngesiquphe nangephanyazo;
14 úya kuyiqhekeza njengokuqhekeka komphanda wombumbi, wakuqotywa ungayekwa, kungafumaneki ekuqotyweni kwawo negophe lokuthabatha umlilo eziko, nelokukha amanzi equleni.
15 Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgwcele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka ànavuma.
16 Ke nathi, Hayi, sìya kubaleka ngamahashe; niya kubaleka kambe. Nathi, Siya kukhwela kwiimbaleki; ngenxa yoko baya kuba namendu abanisukelayo.
17 Niya kubaleka niliwaka, ekhalime emnye; bekhalime bebahlanu, nibaleke nide sinale njengomtshanyane encotsheni yentaba, nanjengebhanile* endulini.
18 Ngako oko uYehova uya kukha alinde, ukuze anibabale; ngako oko uya kukha akhwelele phezulu, ukuze abe nemfesane kuni; ngokuba nguThixo wogwebo uYehova; hayi, uyolo lwabo bonke abalindele kuye!