25 Phezu kweentaba zonke ezinde naphezu kweenduli zonke eziphakamileyo yoba yimijelo, yimisinga yamanzi, ngemini yembulalo enkulu, ekuweni kweenqaba ezinde.
26 Ukukhanya kwenyanga kuya kuba njengokukhanya kwelanga, nokukhanya kwelanga kube kasixhenxe njengokukhanya kweemini ezisixhenxe, ngemini yokubopha kukaYehova ukwaphuka kwabantu bakhe, apholise ukuphalusa kokubetha kwakhe.
27 Yabona, igama likaYehova liyeza, livela kude, uvutha umsindo wakhe, kuthe shinyi umsi; umlomo wakhe ulephuza amagwebu, ulwimi lwakhe lunjengomlilo otshisayo.
28 Ukufutha kwakhe kunjengomlambo okhukulayo, obetha emqaleni, ukuze azihluze iintlanga ngentluzo yokuziphanzisa, umkhala olahlekisayo ube semihlathini yezizwe.
29 Niya kuba nengoma enjengeyobusuku bokungcwaliswa komthendeleko, novuyo lwentliziyo lube njengabahamba bebetha ugwali, ukuya entabeni kaYehova, eliweni likaSirayeli.
30 Úya kulivakalisa uYehova izwi lakhe elinendili, akubonakalise ukuhla kwengalo yakhe kunokujala ngumsindo, nokulenya komlilo otshisayo, nokuphalazeka kwelifu, nesiphango, namatye esichotho.
31 Kuba uAsiriya uya kuqhiphuka umbilini lilizwi likaYehova, ekubetheni kwakhe ngentonga.