8 Yiya ngoku, ukrole oko elucwecweni únabo, ukubhale encwadini, kube yinto yemihla ezayo, yanini, yaphakade.
9 Ngokuba ngabantu abaneenkani, ngoonyana abaxokayo, ngoonyana abangàvumiyo ukusiva isiyalo sikaYehova;
10 abathi kwiimboni, Ze ningàboni; nakwiinkangeli, Ze ningasikhangeleli izinto ezithe gca; sithetheleni izinto ezigudileyo;
11 khangelani izinto eziyinkohliso; tyekani endleleni, yithini gu bucala emendweni; menzeni aphele ebusweni bethu oyiNgcwele kaSirayeli.
12 Ngako oko utsho oyiNgcwele kaSirayeli ukuthi, Ngokokuba nilicekisile elo lizwi, nakholosa ngokucudisa nangobugwenxa, nayama khona:
13 ngako oko, obo bugwenxa kuni buya kuba njengendawo ekrazukileyo, ewayo, ezimkayo eludongeni olude, ekuqhekeka kwayo kuza ngesiquphe nangephanyazo;
14 úya kuyiqhekeza njengokuqhekeka komphanda wombumbi, wakuqotywa ungayekwa, kungafumaneki ekuqotyweni kwawo negophe lokuthabatha umlilo eziko, nelokukha amanzi equleni.