5 Ndithi mna, lilizwi lomlomo wodwa iqhinga lakho nobugorha bakho bemfazwe; okungoku ke ukholose ngabani na, ugwilike kum nje?
6 Uyabona, ukholose ngaloo msimelelo wengcongolo evikivekileyo, iYiputa, ethi, othe wayama ngayo, ingene esandleni sakhe, imhlabe; únjalo uFaro ukumkani weYiputa kubo bonke abakholse ngaye.
7 Ke ukuba uthi kum, Sikholose ngoYehova uThixo wethu, ndithi, Asinguye na lo uzigánga nezibingelelo azisusileyo uHezekiya, wathi kumaYuda nakwiYerusalem, Ize niqubude phambi kwesi sibingelelo sodwa?
8 Khawubekelane kaloku nenkosi yam, ukumkani waseAsiriya; ndokunika amawaka amabini amahashe, ukuba unako ngecala lakho ukukhupha abakhweli bokukhwela kuwo.
9 Wòthini na ukubujika ubuso benkosana enye, yakubo abancinane babakhonzi benkosi yam, ukholòse ngeYiputa, ngeenqwelo zokulwa nangabamahashe?
10 Ngokunje ndinyuké ndeza kulonakalisa eli lizwe, ndingenaye uYehova, yini na? UYehova uthe kum, Nyuka uye kweli lizwe, ulonakalise.
11 Bathi ooEliyakim noShebhena noYowa kuRabheshake, Khawuthethe kubakhonzi bakho ngesiAram, kuba sisiva sona; musa ukuthetha kuthi ngesiYuda ezindlebeni zabantu abaseludongeni.